




BONA WORD puzzle
UNGAWINA
KODWA XA LINGEKHO INGENELO ELICHANE
NGOKUTHE GQATHU, INGENELO
ELINEEMPOSISO EZI MBALWA LIYA KUWINA
i-R5 000 !
NGENELA NGOKU!
Phofu ukuba wenza ngale ndlela unethuba elibhekele phaya lakuwina ibhaso elikhulu..
Nonku umzekelo wokuzalisa isivakalisi ngasinye:
UYAYIBONA KE INDLELA EKULULA
NGAYO!

KUQALA, FUNDA
APHA
*NGOKUNGENELA iBona WORD puzzle YETHU UYA KUBA UNCEDA ABANTU ABANINZI. Kunjalo kanye, imali oyithumelayo iya ebhankini , ize ke isetyenziswe ekuncedeni obantu bakowethu kwilizwe liphela. Isetyenziswa ekwakheni iipaki zokudlalela, ekuthumeleni abantwana esikolweni ekwakheni amagumbi okufundela, nakwezinye izinto ezininzi ngokunjalo. Ngako oko ke, khumbulo, uya kuba unceda abanye abantu.

UYA KUBA UYAZINCEDA NAWE.
Kulungile ke. le puzzle iya kukunceda okufundeni isiNgesi Ukuba unegama ongalaziyo, buza kumhlobo wakho ukuba lithetha ntoni na, okanye ke ulikhangele kwisichazi-magama. Uya kumangaliswa yindlela isiNgesi sakho esiya kuya siphucuka ngokuphucuko ngayo. Kanti ngophezulu, unokuwina isityhwentywe seMALI



OMAWUKWENZE
Kuqala, Jongo kwikhasi elilandelayo. Ubona ikhuphoni neepuzzle ezintathu, ziyafana zonke? Kulungile ke, inye kuzo IINGENELO, kwaye ukuba ujonga ngaphayo kwikhasi, uya kufumana amanye amangenelo amane. Ngoku ke, uyayibona na indlelo ipuzzle eyenziwe ngayo yazizivakalisi ezingama-20, namagama amabini okanye amathathu kwizibiyeli kwindawo ethile nje kwisivakalisi ngasinye? Ngoku ke, kuphela omawukwenze kukuba ugqibe ngelona gama lilunge kweso sivakalisi kwiseti nganye yezibiyeli kwisivakalisi ngasinye uze ulibhale ke kwizithuba ezingakwisivakalisi ngasinye, ubhala unobumba abe mnye kwibhloko nganye. Kanti ke usenokuziva ufuna ukukhetha elinye igama kwizivakalisi xa uzalisa elinye ingenelo. Kanti ke, use ngaweza angafani onke amangenelo akho.

KULUNGILE KE!
ingenelo ngalinye olizalisayo iixabisa ama-60c . Lilonke ke xa uzalise lalinye kufuneka uthumele iposoda ye-60c . ukuze uthi ukuba uzalise amabini, lbe yiposoda ye-R1,20c . Ukuba ke uwazalise osixhenxe la mangenelo. kuyo kufuneka uthumele iposoda ye-R4,20 .



UKUTHUMELA AMA-NGENELO AKHO
Makhe sithi nje uzalise amangenelo amahlanu. Loo nto ke ithetha ukuba kuya kufuneka uthenge iposoda ye-R3
(ukhumbule, ingenelo ngalinye ye-60c). Ngoku ke, bhala igama lakho nedilesi kwikhuphoni ngezantsi kwamangenelo
amathathu okugqibela ngaphaya kwikhasi, uze ubhale apho nenombolo yeposoda yakho ngokunjalo. Ngoku -oku kuBALULEKE KAKHULU. KRAZULA IPHEPHA LEMAGAZINI LONKE NGOCOSELELO
MUSA UKULISIKA UKHUPHE NALIPHI NA
KUMANGENELO
Ngoku ke, bhala ukuba iposoda yakho mayihlawulwe kwiBONA uze ke ufake
iphepha elo liphuma kwiBona kunye neposoda yakho kwimvulophu enye uze uyithumele apha: Bona WORD puzzle , Bona 32046, Mobeni, 4060. Ungawaposi nge-rejista amangenelo akho, kunoko, sebenzisa loo mali yerejista ngokuzalisa amanye amangenelo, uze uqinisekise ukubo amangenelo okho uwaposa kakuhle phambi komhla wokuvalwa kolu khuphiswano ongulo:



NOVEMBA 29, 1996 IMITHETHO
1.	Ungawothumela amangenelo abe maninzi kangangoko uthanda, iikopi ezifotiweyo kunye nezinye iikopi ezifanelekileyo ziya kwamkelwa. Amangenelo axabisa ama-60c lilinye kunjalonje kufuneka akhatshwe yiposoda yemali epheleleyo, Amangenelo afunyenwe engenamali akasayi, kwamkeleka, iiposoda mazingokhroswa.
2.	Amongenelo akasayi kwamkeleka ukuba ngabo omnye unobumba ubhalwe phezu komnye okanye xa nawaphi na amagoma engafundeki. 
3. Akakho oya kugqitha ngophaya kwezigqibo zabagwebi.
4, Nabani na angalungenela, ngaphandle kwaba. sebenzi base-Republican Press kunye neentsapho zabo ezikufufshane.
5.	Naliphi na ingenelo elifika kuthi emva komhla wokuvala alisayi kusiwa so. Asisayi kuba natyala ngeefomu zokungenela ezilahlekayo okanye ezifika emva komhla wokuvola.
6.	Ukuba akakho owine mpela, ibhaso lentuthuzelo elingama-R5 000 liya kunikwa umntu othumele ingenelo eliphantse lachana. Ukuba kukho abantu abangaphezu komnye kwibhaso elikhulu okanye kwelentuthuzelo imali iya kwabiwa ngokulinganayo.
7.	Igama okonye amagama abaphumelele kwiWORD puzzle No-186 aya kukhutshwa kushicilelo luka-Februwari 1997 lweBona.
8.	Amabhaso akukhutshelwa kuphela abakwi-ndawo ezisebenzisa iiRandi eziyimali yoMzantsi-Afrika
9.	Abantu abophumelele kwiWORD puzzle kufuneko bavume ukufotwa.
Khumbula, kuya kubokho iWORD puzzle eNTSHA kwiBono yenyanga elandelayo, ekunika ELINYE ithuba lokuwina ibhaso elikhulu esandleni

UMARIO  KASONGO  MNWAE

linene elinama-20 eminyaka elinqwenela ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwama-20 nama-30. Uthanda ukufunda iinoveli , ukuya ecaweni ukuphulaphula umculo wedisco nowereggae . Idilesi yakhe ithi Saga Import and Export , PO BOX 84, Likuni, Lilongwe, Malawi.

UMARIA MOGOHLOANE linene elinama-25 emlnyaka elithanda ukuqhagamshelana nabantu abaneminyaka ephakathi kwama-24 nama-
28. Uthanda ukuphulaphula umculo nokubukela umabonakude. Makabhalelwe ngesiNgesi okanye isiPedi kule dilesi PO BOX 126, Boleu , 0474.

UTOKELO MAAKE unqwenela ukubhaielwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-16 nengama-20. Uthanda ukuphulaphula umculo ukuya ecaweni, ukudlala ibhola ekhatywayo, ukubukela umabonakude nokubhala. Idilesi yakhe ithi PO BOX 625, Shuivane , 0873.


UPATRICIA CHINGOLI
angathanda ukuqhagamshelana nabantu abaphuma kulo lonke elimiweyo. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukuphana ngezipho. ukufunda, ukubhala kwanokuya ecaweni. Nantsi Idilesi yakhe: BOX 2119, eLilongwe, Malawi.

UTAWANDA CHIBA linene eline-16 leminyaka elinqwenela ukuqhagamshelana nabantu abaphuma ehlabathini liphela. Uthanda ukukubhalelwa iileta , ukudanisa, ukubethwa ngumoya. ukuphana ngezlpho nokudlala ibhola ekhatywayo. Idilesi yakhe ithi Bedzanhamo Stores , BOX 26, Nyika, Zimbabwe,


UJERRY SEOLWANA linene elinama-20 eminyaka elinqweneia ukuqhagamshelana namantombazana aneminyaka ephakathi kwe-16 nama-21. Uthanda ibhola ekhatywayo, imiboniso, iivideo games kunye nechess . Makabhalelwe inefoto kule dilesi PO BOX 9867,
Soshanguve, 0152.

USALAMINA MITSENGA
linenekazi elinama-20 eminyaka elinqwenela ukuqhagamshelana nabantu baseMzantsi Afrika. Uthanda umculo, ukubukela umabonakude nokufunda imagazini. Makabhalelwe ngesiNgesi. isiPedi okanye isiTswana. ithi Idilesi yakhe 237 Block DD, esoshanguve, 0152.

ULYDIA CHIMUTENGU linenekazi elinama-25 eminyaka elinqwenela ukubhalelwa ngamanene angamakatolika aneminyaka ephakathl kwama-27 nama-29. Uthanda ukufunda iimagazini , ukuya ecaweni nokuphulaphuta umculo. Makabhalelwe ngesiNgesi, isiNdebele okanye isiShona kule dilesi Upsala Sunnymeade , PO BOX 175, Kwe-Kwe, Zimbabwe.


UPETER MHLANGA linene eline-19 leminyaka elinqwenela ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-19 nama-40. Uthanda ukubukela umabonakude, ukufunda, ukubukela imiboniso kwanokufunda iBhayibhile . Makabhalelwe ngesiNgesi okanye isiShona nimthumele ifoto kule dilesi Tamandal Secondary School , PO BOX 2042, Chipinge, Zimbabwe.


UEDWARD SHIKWAMBANA
linene elinama-25 eminyaka elinqwenela ukubhalelwa ngabaneminyaka ephakathi kwe-16 nama-25 baseAfrika, Uthanda ukufunda imagazini , ukuba nabahlobo nokuphulaphula umculo. Makabhalelwe ngesiTsonga, isiPedi okanye isiNgesi. Idilesi yakhe ithi BOX 674, Shiluvane,
0873.

UPHINEAS MAKOELA onama-21 eminyaka uthanda ukubhaleiwa ngamanenekazi aneminyaka ephakathl kwe-17 nama-21. Uthanda ukuya ecaweni nokuphulaphula umculo kaMichael Jackson , okaPhil Collins , okaRebecca Malope nokaDolly Parton . Mbhaleleni ngesiNgesi, isiTswana okanye isiPedi nize nifake ifoto kwincwadi yenu yokuqala. Idilesi yakhe ithi Kgokong School , PO BOX 825, Sovenga, 0727.






,UKUZENZELA UMHLOBO

UMZWANELE MAQOMA ngumfo onama-20 eminyaka onqwenela ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka
ephakathi kwama-21 nama
24 Uthanda ukubhala
incwadi, ukuphulaphula
umculo, ukuya enkonzweni
nokudlala ibhola ekhatywayo.
Akatshayi, engaseli. Nincede
 nifake ifoto xa nimbhalela.
Idilesi yakhe ithi St. Albans
Maximum , Private Bag X6055, Port Elizabeth , 6000.


UTOIRO CAUKO YA MKAMWANDI une-19 iminyaka, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazi aneminyaka ephakathi kwe-16
 ne-18 aseMzantsi-Afrika
 nawaseNamibia. Uthanda ukufunda, ukubukela iTV , ukuya enkonzweni, nokudlala inetball . Mbhaleleni ngesiNgesi okanye isiOshiwambo. Idilesi yakhe ithi PO BOX 2.
Ondongwo, Namibia .


ULULAMILE MGABILE onama-36
 eminyaka uthanda ukubhalelwa ngamanenekazl aneminyaka ephakathi kwama-30 nama-35. Uthanda
 ukudlala ibhola ekhatywayo. ukubukela ITV , ukuphulaphula
umculo wecountry , ukufunda iimagazini nokubhala iincwadi. Abatshayayo nabaselayo bangazikhathazi. Mbhaleleni ngesiNgesi, isiXhosa okanye iZulu, kwiincwadi zenu nifake nefoto , Idilesi yakhe ithi: St. Albans Maximum , Private Bag 6O55, Port Elizabeth , 
ZENZELE UMHLOBO


UFRANCIS N. MANGQUKU
liqobokazana elinama-20 eminyaka elithanda ukuzenzela abahlobo abaneminyaka ephakathi kwama-20 nama-25. Uthanda ukubethwa ngumoya, ukuya enkonzweni, ukuphulaphula iintlobo ngeentlobo zomculo, ukubukela ITV , ukufunda, ukubhala nokuzoba. Mbhaleleni nize nifake ifoto kwincwadi yokuqala. Idilesi yakhe ithi 6 Rickett Street , Parow , 7500.

UCHARITY MALUTHA
ligqiyazana eline-19 leminyaka elingathanda ukuba ngumhlobo wabantu abaneminyaka ephakathi kwama-20 nama-25. Uthanda ukufunda iincwadi zamabali neemagazini , ukubukela ITV , ukudlala isoftball , ukupha izipho neefoto . Kwincwadi yokuqala fakani ifoto . Idilesi yakhe ithi PO BOX 323, Selebi Phikwe, Botswana.

URACHEAL A. MARCELLO
ligqiyazana eline-18 elingathanda ukubhalelwa nguye nabani na. Uthanda ukubukela iifilim . ukufunda
nokuphulaphula umculo. Idilesi yakhe ithi Marymount Secondary School , PO BOX 137, Mzuzu, Malawi, Central Africa .

U-ASAF LUNGU ngumfo
onama-23 eminyaka ongathanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-18 nama-25. Uthanda ukubukela iifilim nokuphulaphula umculo wesoul , owerhythm and blues kwanejazz . ukubhala iincwadi, ukudibana nabantu nokubethwa ngumoya. Mbhaleleni ngesiNgesi nize nifake ifoto kwincwadi yokuqala. idilesi yakhe ithi c/o Mrs J.M. Lungu. International Banking , PO . BOX 33611, Lusaka, Zambia .

ULULAMILE MGABILE unama-33
eminyaka, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazi aneminyaka ephakathi kwama-28 nama-33. Khanimbhalele ngesiNgesi, IsiXhosa okanye isiZulu. Idilesi yakhe ithi St. Albans Maximum Prison , Private Bag X6055, Port Elizabeth , 6000.

Zenzele  UMHLOBO

USHILONGO WILHELMINA
NASHIPE yintombazana ene-17 leminyaka ubudala enqwenela ukubhalelwa ngabantu bonke, Uthanda ukuqhula, ukuphulaphula umculo opholileyo, ukubukela ITV nokuya ecaweni. Ucela ukubhalelwa ngesiNgesi okanye isiVambo kule dilesi PO BOX 1541, Ondingwa, Namibia .

UDUMIE TEMBO yintwazana yaseMalawi ene-15 leminyaka ubudala enqwenela ukuba nabahlobo kulo lonke elimiweyo. Uthanda ukufunda, ukubhala, ukuzoba nembali. Idilesi yakhe ithi Marymount Secondary School , PO BOX 137, Mzuzu, Malawi.

U-ITAH HAX-MWADHIX
linenekazi elinama-29 eminyaka ubudala elinqwenela ukubhalelwa ngamanene akwisithuba sama-30 ukuya kuma-35 eminyaka aphuma nkalo zonke zomhlaba naneenjongo zomtshato. Uyathanda ukuthabatha inxaxheba kwinkqubela phambili yoluntu.
ukufunda, ukubukela ITV nokuphulaphula umculo. Makabhalelwe ngesiNgesi kuphela athunyelelwe nefoto kule dilesi : PO BOX 402, Oshakati, Namibia .

UKANDJIMWENA LABAN linene elinama-21 eminyaka ubudala elinqwenela ukubhalelwa nangubani na. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukufunda, ukubukela umabonakude, ibhola ekhatywayo, amanqindi, ukushukuxa iimbono nokuya kwimiboniso. Makabhalelwe ngesiNgesi okanye isiOshiwambo athunyelelwe neefoto kule dilesi PO BOX 142, Oshikango, Namibia .

UMBALI NKOSI linenekazi
elinama-38 eminyaka ubudala elingathanda ukubhalelwa ngamanene akwisithuba sama-38 ukuya kuma-40 eminyaka ubudala nanenjongo zokutshata, Abaselayo nabatshayayo bangazixhamli. Uthanda ukuya ecaweni nokuphulaphula umculo wokholo. Nantsi Idilesi yakhe PO BOX 57207, Springfield .



150 BONA XHOSA - November 1996

154 ONA XHOSA- November 1996
		

176 BONA XHOSA- November 1996

